Nokwindla, ndiyabulela kuNxamalala ngempendulo yakhe ecacisa ukuzibophelela kukarhulumente wakho ekuhlonipheni ubukhosi. Loo nto iza kunceda kakhulu kuba, sele i-ANC ide igqibe kwelokuba kufuneka kuphuhliswe amaphandle nje, kungenxa yokuba kule minyaka ili-15 igqithileyo abantu basemaphandleni khange basiwe so ngokufanelekileyo. Ukuze nayiphi na inkqubo iphumelele, kufuneka urhulumente okhoyo asebenzisane neenkosi. Siyayibulela ke loo nto.
Umbuzo nje omfutshane endinawo ngothi: Njengokuba ooMongameli abebengaphambi kwakho bebexelele ilizwe ukuba kukho isebe eliza kusekwa ukuze lijongane nemicimbi yobukhosi, ngaba lo wakho urhulumente uyazibophelela kuloo nto?
Okokugqibela, phambi kokuba ndihlale phantsi, iinkosi zithe zakuva ukuba ndiza kukhe ndithethe nawe ngolu hlobo, Nxamalala, zathi ze ndikhe ndikuxelele ukuba ziyakukhumbula. [Kwahlekwa.]
UMONGAMELI WERIPHABLIKI: Somlomo, ndiyabulela ukufumana lo mbuliso ovela ezinkosini zam, ngomlomo kaNkosi Holomisa. Ze azixelele ukuba nam ndiyazithanda. [Kwahlekwa.]
Ndiyacinga ukuba ngokubhekiselele koko bekutshiwo ngooMongameli bangaphambili, ukuba kuya kubakho isebe elinjalo, xa ndinaba kwimpendulo yam, ndikungqinile oko. Nangoku, isebe eli libizwa ngokuba liSebe loRhulumente ngoBambiswano neMicimbi yezeMveli. Belikade lingabizwa ngolo hlobo ngaphambili. Loo nto ithetha ukuba siyangcambaza ukulandela esa sithembiso esenziwa ngooMongameli bangaphambili.
Njengokuba besisebenzisana kakuhle lonke eli xesha, makhe sijonge ukuba izinto zihamba njani na. Ndiyaqonda ukuba iza kulunga le nto; soze ingalungi singabantu nje. Ndiyabulela. [Kwaqhwatywa.] (Translation of isiXhosa paragraphs follows.)
[Chief S P HOLOMISA: Nokwindla, I thank Nxamalala for his reply which explains the government's commitment to respect and honour the traditional leaders. That would be a great help, and the reason why the ANC has decided that there is a need for rural development is because rural communities have been neglected for the past 15 years. In order for any programme to succeed, the ruling party must work together with traditional leaders. We are grateful for that.
The only short question I have is as follows: the former presidents declared to the country that there would be a ministry dedicated to the affairs of traditional leadership, is your government committing itself to that declaration?
Lastly, before I sit down, when the traditional leaders heard that I would be speaking to you in this manner, Nxamalala, they asked me to tell you that they miss you. [Laughter.]