Mhlalingaphambili, okwam endifuna ukukuqonda kuMphathiswa kuncinci. Ukwenzela into yokuba lo mbodamo, obu butshovutshovu nobubhovubhovu obukhe benzeka kwiapile laseJava okanye kwiqakamba lePhondo laseGauteng bungaqhubekeli nakwamanye amaphondo, ingaba akhona amanyathelo othe wawathatha ukunqanda ukuba bungaqhubekeki kul a maphondo alandelayo ukwenzela into yokuba iqakamba okanye eli apile laseJava naseSumatra lingachaphazeleki? Okokugqibela, umntu omnyama owayesakuba ngumongameli weqakamba phaya uthe akuphuma wavukela la bhodi yaphaya. Loo nto ke igxile kumba wenguqu. Ingaba ikangakanani inguqu kwiqakamba ngoba umcimbi umayela nenguqu engaqhubekekiyo kuyo. Enkosi.
UMPHATHISWA WEZEMIDLALO NEZOLONWABO: Mhlalingaphambili, ndiqinisekile ukuba umfo kaSuka unabo ubungcwethi bokuthi iBala leQakamba iWanderers lisuka phi na. Ndiyayazi ukuthi ihlabathi lonke kule veki likhumbula iminyaka engamashumi asixhenxe eeNtlekele Zangapha kwelaMajamani phakathi kwaMajamani namaJuda. Imiphumela yezoo ntlekele ke inegalelo ekuvukeni kwale ndawo esithi liBala leQakamba iWanderers.
Yimali ke ukwakha ibala elilela hlobo, ikwayimali efunekayo ukuligcina likwimeko elaliqhele ukuba yiyo phambi ko-1994. Yingxaki yokuqala leyo, mfo kaSuka. Izikhwama eziqhele imali ziyanxakama xa zizifumana sezingaphandle kwayo. Yinto yokuqala esiqubisene nayo ke leyo ukuthi uMbutho weQakamba woMzantsi Afrika njengeminye imibutho kufanele ube nale nto sithi ngumkhomba-ndlela wokuba ube namabala okudlalela imidlalo emikhulu kangakanana yamazwe ngamazwe, nto leyo ngesiNgesi kuthiwa zii-guidelines.
Bavumile ke aboMbutho weQakamba woMzantsi Afrika bavuma nabeBhodi yeQakamba yaseGauteng. Oku kwakunceda ukuba wonke umntu azi ukuba imigaqo yokudlala kweli bala nakweli lizwe iyeyiphi na kuwo wonke umntu walapha, nemali efumanekayo iya nakuye wonke umntu onebala elifanelekileyo.
Kweli cala lenguqu, ngo-1992 abantu abaninzi bakukhumbula ukuba sihalalisele ukuphela kwale ngxubakaxaka ibikade ikhona ukusukela ngo-1975. Kodwa phaya eRhawutini ayikhange iphele loo nto leyo. Umgaqo-siseko wala bhodi yaseRhawutini ucacisa gca, ukusukela kulo nyaka ungaphaya kwalo uphelileyo, ukuba akufuneki baphathe bodwa abebala elithile. Kufuneka babambisane kuba abakahlangani. Akukho nguqu kwiBhodi yeQakamba yaseGauteng. Akukho nophuhliso ngoba iyacaca gca into yokuba bonke abantu abadlalela iBhodi yeQakamba yaseGauteng ayingoba phaya, bathengwa kwezinye iindawo. Sithe ke kubo mababenekomiti yabantu abathandathu, le nto kuthiwa yinguqu. Siyenzile ke loo nto baphethe yona kwaye futhi sithi 50-50 ngokwesigqibo sika 1992. (Translation of isiXhosa paragraphs follows.)
[Mr L SUKA: Chairperson, it's just a small matter that I need clarity on from the Minister. I would like to know what measures have been put in place in trying to deal with the strife and instability within the Gauteng Cricket Board to avoid the spread of such behaviour to other provinces and thereby affecting the development of cricket - the apple of Java and Sumatra?
Lastly when a former black president left the office, he fought with the board. This has to do with transformation. What kind of transformation has been implemented as far as cricket is concerned, because the main issue here is the lack of transformation? Thank you.