YOCWANGCISO YESIZWE): NdinguDlamini, uJama kaSjadu, uZulu. Ngoko ke asingekhe sizilahlele ngaphandle iinkokeli zethu zemveli kuba kaloku uninzi lwazo luphaya emaphandleni. Asikwazi ukuthi xa sixoxa ngonxibelelwano phakathi kwamaphandle kunye needolophu sikhuphele ngaphandle iinkokeli zethu zemveli ezinjengooShenge. Soze siyenze loo nto. Kuyanyanzelekile ukuba uthetha-thethwano lwenzeke phakathi kweeNkosi, kwaye siyazi ukuba iingxaki ezithi zidale impixano ngamanye amaxesha ziyintaphane njengeentwala kubaThembu. [Kwaqhwatywa.] (Translation of isiXhosa paragraph follows.)