Okwesibini, sithe xa besiphonononga indlela yokuziphatha-[code of good practice] yabantu abakhubazekileyo, safumanisa ukuba ayingeni ngokubanzi ekujongeni umgangatho, nobungakanani bomsebenzi owenziwa ngurhulumente kunye nabantu abakhubazekileyo. Ngoko ke sifuna ukuthi, usemninzi umsebenzi ekusafuneka siwenzile ukuhlangabezana nokulwa kokufezekiswa kwamalungelo abantu abakhubazekileyo. Ndiyabulela. (Translation of isiXhosa paragraphs follows.)