: Enkosi kakhulu, Sekela-Somlomo. Enyanisweni malungu ahloniphekileyo, andikabi nayo ingxaki oko ndiphumile kwi-ofisi kaMongameli kuba nokuba ndiphi na sukube ndithunywe nguMongameli. Ukuba kunokwenzeka ndidibane nengxaki kumsebenzi endiwuthunywe nguMongameli, ndiza kukwazi ukubalekela kuMongameli ukuze andilamlele. Kodwa ke ndihlonipheke ngokwenene koogxa bam kwaye akakho ongakhange asebenzisane neli sebe. Izolo elinye siye saphakamisa umba woMthetho oYilwayo weeNkundla zeMveli, inene ugxa wam, uMphathiswa wezoBulungisa, ophakathi kwethu, uye wasebenzisana nathi ukulungisa lo Mthetho. Sifumana inkxaso engumangaliso ke nakweminye iMithetho esiyiphakamisayo exhaphaza oomama. Kungoku nje sixova uMthetho oYilwayo wokuLingana nokuLinganiswa kwamaLungelo Oomama [Gender Equality Bill]. Nalapho, sifumana inkxaso kurhulumente ngokubanzi, hayi kubaPhathiswa kuphela kodwa kubalawuli-jikelele nakumasekela abo, akukho ngxaki sinayo.