Mandibulele kuSihlalo weNdlu nakuwo onke amalungu akhoyo apha eNdlwini ngokuba ndifuman e eli thuba lokuba nam ndisebenze kule Ndlu, ndisebenzela abantu baseMzantsi Afrika. Ndicinga ukuba, ukuba nguSihlalo weNdlu: WeeKomiti, kuthetha ukuba masisebenzisane. Wonke umntu uyazazi ukuba ebeze kwenzani apha.
Abantu baseMzantsi Afrika bajongile ukuba xa silapha kule Ndlu senza ntoni na. Ngoko, kufuneka sisebenzele abantu baseMzantsi Afrika. Ndiyabulela, Sihlalo. [Kwaqhwatywa.] (Translation of isiXhosa paragraphs follows.)
[Ms N W MAGADLA: Let me thank the Chairperson of the House and all the members present here in this House for the opportunity I have been granted of serving this House, serving the people of South Africa. I think that being the House Chairperson: Committees, implies that we have to work together. Everyone knows why he/she is here.
The people of South Africa are keeping a close eye on what we are doing in this House. Therefore, we must serve the people of South Africa. Thank you, Chairperson. [Applause.]]