Chairperson, what I like about the way we function in the Department of Labour is that the responsibility does not lie with the department only. May I make an example? We have key strategic projects that are decided on by provincial governments, whom we have given money; the Eastern Cape has been given R99 million.
Kodwa loo mali bamelwe kukuba babe bayisebenzisile engekafiki uDisemba walo nyaka ka-2009. [The money is supposed to have been spent before December 2009.]
The Free State was allocated R96 million; Gauteng R99 million; and KwaZulu- Natal R97 million.
I do want to say in this House, that ...
... ndiyincoma kakhulu iKwaZulu-Natala, ngoba ela phondo lisebenzise ngaphezu kwama-90 ekhulwini emali ayabelweyo. [Kwaqhwatywa.]
ILimpopo siyabele izigidi ezingama-95 zeerandi [R95 million]; iMpumalanga yabelwe izigidi ezingama-99 zeerandi [R99 million]; uMntla Koloni wona wabelwe izigidi ezingama-99 zeerandi [R99 million]; uMntla Ntshona wabelwe izigidi ezingama-98 zeerandi [R98 million]; iNtshona Koloni yabelwe izigidi ezingama-99 zeerandi [R99 million].
Asibuzanga ke okokuba abantu bakuwaphi na amaqela ezopolitiko. EMpuma Koloni, iphondo endizalelwe kulo, bathe bona baza kuba namaphulo ofundelo- msebenzi. Bathi barhwebeshe abaqeqeshwa abali-1 963. Bakwathe baza kujongana noqeqeshelo-msebenzi kwanokusebenza kwabaqeqeshwa njengabalingwa emsebenzini. Asithi xa kuthethwa ngoqeqeshelo-msebenzi makungaqatshelwa abantu abathe nabo badendwa emisebenzini. Asithanga lo makangavunyelwa; lo makavunyelwe. Wonke umntu onqwenela ukufumana uqeqesho, nonqwenela ukuba akwazi ukuphakama azenzele ngokwakhe, umele ukuba alufumane olo ncedo.
Ukuba ithuba belikho, mhlalingaphambili, bendiya kuyichazela iNdlu le ukuba iMpuma Koloni isebenzise ama-66 ekhulwini emali eyabelweyo. IFreyistata isebenzise ama-70 ekhulwini emali eyabelweyo - ndiyakhawulezisa ke ngoku, mhlalingaphambili. IGauteng isebenzise ama-42 ekhulwini emali eyabelweyo. Yaza iKwaZulu-Natala yasebenzisa ama-94,8 ekhulwini emali eyabelweyo. Yiyo ke le nto ndisithi ndibancoma kakhulu phaya KwaZulu-Natala. ILimpopo isebenzise ama-33 ekhulwini emali eyabelweyo, phondo elo asuka kulo uWillie Madisha. IMpumalanga isebenzise ... (Translation of isiXhosa paragraphs follows.)
[... I commend KwaZulu-Natal because they have spent more than 90% of the money allocated to the province. [Applause.]
We have allocated R95 million to Limpopo; R99 million to Mpumalanga; North West has been allocated R98 million; and Western Cape R99 million. We didn't ask people about their political affiliation.
In the Eastern Cape where I was born, they said they will have learnership campaigns. They said they have attracted 1 963 learners. They also said that they will focus on training and internship programmes. We are not saying that people who were retrenched must not be considered when we are talking about internships. We did not say that this one should be accepted and that one should not. Everybody who wishes to receive training and those who wish to embark on self-sustainable development initiatives must get assistance.
If there was enough time Chairperson, I would tell the House that the Eastern Cape has spent 66 per cent of the money allocated to it. Free State has spent 70 per cent of the money allocated to it - I am speed reading now Chairperson. Gauteng has spent 42 per cent of the money allocated to it and KwaZulu-Natal spent 94,8 per cent of the money allocated. That is why I am saying I applaud KwaZulu-Natal. Limpopo has spent 33 per cent of the money allocated to it, the province Willie Madisha is coming from. Mpumalanga has spent ...]
... only R12 million of the R99 million allocated to it.
UMntla Koloni usebenzise ama-32 ekhulwini; uMntla Ntshona usebenzise ama-44 ekhulwini.
USIHLALO WENDLU (Mnu M B Skosana): Uphelelwe lixesha, Mphathiswa.
UMPHATHISWA WEZABASEBENZI: Ndiyavuya ke xa lithe laphela ndingekalibizi elakho iphondo. [Kwahlekwa.] (Translation of isiXhosa paragraphs follows.)
[The Northern Cape has spent 32 per cent of the money allocated to it, and the North West spent 44 per cent.