Ukuba uyaqaphela ke, zonke ezo mali ziphuma kweli sebe lethu. Into esingekayiboni ligalelo labanye abantu kulo mcimbi. Okwangoku, sisebenzisana neKomiti yoXolelwaniso noLamlo, iCCMA, eyiyo eza kuthi ikhwebe ezo nkampani zisengxakini, ukwenzela ukuba saziswe ukuba inkampani ethile, ngenxa yeemeko zoqoqosho, ifuna ukuncediswa. Oku sikwenza ngenxa yokuba sifuna ukuba abasebenzi bangaveli nje badendwe ngokungathi kukhululwa izihlangu neekawusi. [Kwaqhwatywa.] (Translation of isiXhosa paragraphs follows.)