Zezo nkampani ezithi zibe sengxakini nasengxingongweni kuphela emazize ngaphambili, zifike zithi thaca ingxaki yazo, ukuze ke thina sikwazi ukuncedana nazo. Yiyo ke loo nto senze ukuba kubekho imali eyayisele ithiwe pahaha ngokaPatel, engamawaka azizigidi ezi-4,4 [R4,4 billion], esithe sayikhupha kule Ngxowa-mali yethu yeInshorensi yaBangaphangeliyo kwakunye neNgxowa-mali yeZakhono yeSizwe.