UMPHATHISWA WEZABASEBENZI: Mhlalingaphambili, ezona njongo zethu ziphambili kukuba imeko yezoqoqosho iphucuke, luphinde uqoqosho lume kakuhle kwakhona ukuze luvule amathuba omsebenzi. Ukuze ke uqoqosho luphumelele koku, kufuneka sicinge ngokuqeqesha nokuphuhlisa izakhono zabantu, ingakumbi abo bathe baphulukana nezithuba zomsebenzi. Yeyona njongo iphambili ke le; akunyanzelwanga mntu.