Chairperson, when we say...]
... we are mainstreaming ...
... loo nto ithetha ukuba sisonke siza kuwuqwalasela lo mcimbi ngalo lonke ixesha. Ndiyazi ukuba kwiKhabhinethi, ibhodi ayisoze yamkelwe xa ingenalo inani eloneleyo loomama. Loo nto ithetha ukuba siza kukwazi ukuba lo mcimbi noko siwuchane kuba sisonke siza kusebenza ngendlela ethi ... (Translation of isiXhosa paragraph follows.)
[... that means we will be attending to this matter all the time. I know that the Cabinet would never approve a board that does not have the required number of women. That means we will be able to handle the matter accurately because together we will be working in a manner that suggests that ...]
... we are mainstreaming.
Asifuni ukuba oomama babekelwe bucala. Sifuna ukuba kuyo yonke into eyenzekayo xa kupapashwe izithuba, kubantu abenze izicelo nekuza kuqhutywa udliwano-ndlebe nabo, amanani oomama noko aqwalaselwe. Ndiyabulela. (Translation of isiXhosa paragraph follows.)
[We do not want women to be isolated. When vacancies are advertised, amongst the applicants who will be interviewed the number of women must also be considered. Thank you.]