Sihlalo wethutyana ... [Kwahlekwa.] ... Mphathiswa wezoThutho neSekela lakho, Mhlalingaphambili weKomiti yezoThutho, Malungu ePalamente onke, zindwendwe zethu ezibekekileyo, namkelekile nonke.
Mandimbulele urhulumente ngezinto asenzela zona, ngoba into esiyaziyo kukumgxeka, sithi akukho nto asenzele yona. Asenzele yona asikwazi ukuma ngaphambili sithi usenzele. Ndithetha ndingumntu wasemaphandleni, emakhaya. Ndithetha ngabantwana abahamba umgama othatha ixesha elingangeyure nangaphezulu besuka emakheyeni abo besiya ezikolweni. Ndithetha ngaloo nto ke.
Makhe sibe nomfanekiso-ngqondweni simbone lo mntwana ephuma emzini ongenanto; emzini ekumnyama kuwo, apho kude kuthiwe "ikati ilal' eziko"; enxibe ibhatyi kaTata wakhe kukuphela kwento ayombetheyo. Inkulu le bhatyi, iyidyasi esindayo kuye. Uyabaleka uya esikolweni. (Translation of isiXhosa paragraphs follows.)
[Mrs N J NGELE: Temporary Chairperson ... [Laughter.] ... Minister of Transport and your Deputy Minister, chairperson of the transport committee, all members of Parliament, distinguished guests, you are all welcome.
Let me thank the government for all it is doing for us, because we are always criticising the government, claiming that it has not done anything for us. We do not come forward and boldly say that the government has done this for us. I am speaking as a member of the rural community. I am referring to children who walk long distances, taking approximately one or more hours from their homes to various schools. That is what I am talking about.
Let us imagine a child from a poor family, a home which is dark and where poverty is extreme, wearing his father's jacket as the only item of clothing that can keep him warm. This jacket is oversized and heavy for him. He is running to school.]