That is fine. I will answer all of them. Thank you. Continue, hon Ntwanambi.
UMBHEXESHI OYINTLOKO WE BHUNGA: Enkosi Mhlalingaphambili, uyabona ke bantu beCope bendisanixolele namhlanje. Mhlawumbi ke nani aniziva nonwabile ukuba andilichaphazeli igama lenu. Nina ke niseza kulwa kuba nemka kwiANC ninomsindo kwaye niqumbile, nisaqumbile nangoku. Okunifaneleyo nina kukuba niye kwinkomfa nonyule iinkokheli kwaye nizifune kananjalo ukuba ... (Translation of isiXhosa paragraph follows.)