Sihlalo, ndiyabulela kakhulu kwilungu elihlonophekileyo. Kukho inombolo yomnxeba engahlawulelwayo ekhoyo eyenzelwe wonke umntu, kuquka nabantu abahlala emaphandleni ezindaweni ekuthiwa kusemakhaya. Kufuneka bayisebenzise loo nombolo yomnxeba ingahlawulelwayo ukuze bakwazi ukuncedakala nabo xa befuna ukuveza iingxaki ezifana nezi. Ukwaleka apho, kuza kufuneka ukuba sibe nephulo lokwazisa eliza kuthetha ngezi zinto. (Translation of isiXhosa paragraphs follows.)