Sihlalo wale Ndlu yoWiso-mthetho, malungu ale Ndlu, magosa eli sebe ngokubanzi, kunye neendwendwe ezikhoyo kule Ndlu, okokuqala mandinqwenelele uMphathiswa omtsha oliguzu liphum' ekhasini, uMphathiswa wezeMidlalo noLonwabo, iminyaka enempumelelo kwi-ofisi yakhe kweli sebe. Ndithi qula kwedini kunyembelekile. Uze uqinise izihlahla, uxhathise ngeziquluba zakho, kuba i-ANC iyakuxhasa, kwaye siyaluxhasa olu hlahlo- lwabiwo mali.
Kuhambo lweenyawo eziliwaka, kuye kuqale kubekwe unyawo olunye. Xa nditshoyo ndithi, inguqu kwezemidlalo nolonwabo ayizukwenzeka ngemini enye, kodwa kuza kufuneka, Mphathiswa nesebe, nibe ngathi niyaxhoba, nigxanye kuba izingqi zabantu bethu ziyangqungqa apha emva kwethu. Kodwa, nabantu bethu kufuneka bakhumbule ukuba umonde yinto ekhoyo kuba ezi zinto siza kuzifezekisa xa sithe samanyana ngolu hlobo.
Mphathiswa, njengoko sikunika kwaye siluxhasa olu hlahlo-lwabiwo mali, kukho izinto ekunyanzelekileyo ukuba uzenze ngokungxama. Umzekelo, siyazi ukuba intloko yeli sebe lakho yanabela uqaqaqa kweyoMdumba, ngoku sikwinyanga kaTshazimpunzi. Ngekhe ke sigqibe iinyanga ezilishumi elinesibini kungekho ntloko kweli sebe. Lo ukhoyo siyazi ukuba uyalingisa. Nceda ke ubeke intloko eza kukhokela kamsinyane, ukwenzela ukuba izinto zenzeke ngokukhawuleza.
Amagosa akho athi kweli Sebe lakho lezeMidlalo noLonwabo, kumelwe ukuba kubekho abantu abangama-220. Izithuba ezivingciweyo kunyaka-mali wama-2007- 08 zili-191, zinyukile zaya kwi-193, ngowama-2010-11, kwaye kulindeleke ukuba likhule eli nani liye kuma kuma-206 kulo nyaka-mali uphakathi. Noko le nto ayiginyisi ngwiqi; irhuqisa umrhaji, kuba xa siyibeka ngesi Ngesi, ithi le nto ... (Translation of isiXhosa paragraphs follows.)
[Mr L SUKA: Chairperson of the National Assembly, members of this House, officials in the entire department and distinguished guests present in this House, firstly let me wish the newly appointed hon Minister of Sport and Recreation successful years in his ministerial office. You must be prepared for this journey for it is long and full of obstacles. You need to be strong because the ANC supports you and we also support the Budget Vote.
A journey of a thousand steps begins with one step. This means that transformation in the Department of Sport and Recreation will not happen overnight, but will require the Minister and his department to be prepared and to act swiftly; our people are growing impatient. However, they must also remember that they need to be patient because we will achieve these goals only when we are united like this.
There are things that must be done urgently, hon Minister, now that we have allocated and support the budget. For example, we know that the director- general in your department passed away in February and it is April now. We cannot operate for a full year without a director-general in this department. We know that we have someone who is acting. Please appoint the director-general immediately to facilitate the smooth running of the department.
Your officials say that the staff establishment is 220 in your department. Only 191 vacancies were filled in the 2007-08 financial year, and in the 2010-11 financial year, the number increased to 193 vacancies. This number is also expected to increase to 206 in this financial year.
Nonetheless, this is a bad picture and leaves much to be desired, because in English it means ...]
In the 2007-08 financial year the department had 191 filled posts out of 220. In 2009-10 you had 193 filled posts. Mathematically it means that you have filled only two posts. In other words, there are certain financial years where you did not employ any person. To date you have 206 filled posts out of 220.
Noko malingabi nguximfi, sibeyintlekisa kwisizwe. Nceda, Mphathiswa ungenelele ngamandla.
Okulandelayo, inkoliso yamagosa eli sebe ayalingisa. Bendikhe ndayithetha ke le nto, ndisithi ambalwa akwizithuba ezisisigxina. Yiqwalasele le meko, ingakumbi ngale mali sikunika yona. Bekungakuhle ukuba isebe ligxininise ekuqeqesheni la magosa, ingakumbi la aza kuphatha eli sebe, kwizigaba ngezigaba.
Into esingenakuyifihla yeyokuba urhulumente we-ANC uthabathe ulawulo kurhulumente owayesayakuba ngowengcinezelo nocalu-calulo engazange loo rhulumente wamadlagusha anike abantu bethu ingqeqesho ngokwezakhono ezifanelekileyo zale mihla. Lilonke, masibaqeqeshe sibafundise bonke abasebenzi beli sebe ngokukhawuleza.
Siqaphele ukuba iyafuna ukunikwa ingqwalasela into yobudlelwane nonxulumano lwethu kwezemidlalo. Ingakumbi igunya lezemidlalo nelezentlalontle yeli lizwe elingqamene nezemidlalo nolonwabo. Ndingabalula laa mcimbi wee-MDG. (Translation of isiXhosa paragraphs follows.)
[We must not be misled and be a laughing stock to the nation. Please, hon Minister, intervene with more vehemence. I have already cited that most of these departmental officials are in acting posts and very few are employed permanently. You must look at this situation more specifically, given the budget we have allocated to you. It would be better if the department would focus on training these officials, especially those who will manage in the various levels.
We are not apologetic about the fact that the ANC government took over from the white minority government of oppression and segregation which never bothered to train our people in the necessary skills needed today. Therefore, we must train and mentor all employees of this department immediately.
We have noticed that we need to pay special attention to our relationship and association in sport, especially to the mandate and welfare of this country associated with sport and recreation. I can cite the issue of the