Somlomo, siyiCope sifuna ukuthi kuqala siva buhlungu kakhulu kuba siza kuthetha namalungu, ingakumbi abaPhathiswa bengekho. Besicinga ukuba baza kuba khona bazimamelisise ezi zinto siza kuzithetha, ingakumbi ezi siza kuqala ngazo.
Ii-Seta zazilungiselelwe ukuba zincedise wonke umntu onakho ukuba afumane izakhono. Kuba buhlungu ke kuthi xa sifumanisa ukuba kukho ii-Seta ezifumana i-disclaimer okokoko. Siyacela ke ukuba ezi Seta zikhawuleze zincediswe, ingakumbi kuba sifumanisa ukuba alukho ulawulo, kwaye le nto yokuqesha abantu nje kuba bengamalungu eqela elithile lezopolitiko ayinakulunga ngoba yenza ukuba bangawazi umsebenzi wabo. Yenye ke into esidanisileyo leyo.
Okwesithathu, sifumanisa ukuba kukho ingxaki nezazinto zibizwa ngokuba zii- internal risk managers. Abekho abantu abanokuthi beyikomiti ye-risk management bahlale bangawenzi umsebenzi, sifumanise ukuba abahambi neentlanganiso. Side safumanisa nokuba zide zantlanu iintlanganiso bengekho kuzo. Siyacela ke ukuba ezo zinto zilungiswe. Kungenjalo, sisenethemba kwii- Seta kakhulu kuba siyakholwa ukuba ziza kulunceda uluntu lwethu.
Ngoku ke ezi Seta zimbini sithi mazihambele phambili. Siyayixhasa loo nto siyi-Cope, kwaye siyayibulela into esiyifumene kwiSebe lezoKhuseleko yokuba izinto zinakho ukujikwa kwakamsinyane. Ndiyabulela. (Translation of isiXhosa paragraphs follows.)
[Mrs Z B N BALINDLELA: Hon Speaker, as Cope we would like to start by saying we are very disappointed that we will be addressing members, especially in the absence of Ministers. We thought they would be present and listen attentively to what we have to say, especially in respect of the things that we are going to start with.
Setas were meant to help everybody who is capable of being skilled. It is sad to find that there are Setas that often get disclaimers. We ask that these Setas be assisted as soon as possible, especially now that we have discovered that there is no management. This tendency of employing people just because they belong to a particular political party will not help as they tend to take their jobs for granted. This is one of the things that disappointed us.
Thirdly, we found that there is a problem with internal risk managers. It is unacceptable to have risk management committee members who are inefficient and who do not even attend meetings. We have also discovered that there were five meetings that they didn't attend. We ask that those things be rectified. However, we still have hope in the Setas because we believe that they will help our people.
Now we are saying that these two Setas must go forward. As Cope, we support that and we appreciate the news we received from the Department of Defence and Military Veterans that there is a potential for transformation, and soon. I thank you.]