Somlomo, kwakhona sihlangene apha sizogxwala emswaneni kulowo wayesakuba nguMphathiswa neLungu lale Palamente, umhlekazi obekekileyo uSicelo Shiceka, othe wasweleka ngoMvulo, umhla wama-30 ka- Apreli 2012.Siyi-UDM sidlulisa ilizwi lovelwano kusapho lwakhe, abantwana bakhe, abahlobo bakhe nombutho omkhulu i-ANC kunye namahlakani awo. Utata uShiceka sakukhumbula ukuba waba negalelo kumzabalazo wokuba sikhululeke sibe kule nkululeko intsha kwaye siyambulela ngoko. Siyayibulela nendima yakhe ayidlalileyo kwiSebe loBambiswano ngoLawulo nemMicimbi yeMveli, ngexesha ebenguMphathiswa walo. Imithandazo novelwano lwethu lukusapho nabantwana bakhe. Lala ngenxeba mzi kaPhalo, akuhlanga lungehlanga. Lala ngoxolo mzi waseQawukeni nowasemaMpondweni. [Enkosi.] [Kwaqhwatywa.] (Translation of isiXhosa paragraphs follows.)
[Mr L B GAEHLER: Speaker, we have come again to offer our condolences to the former Minister and Member of Parliament, the hon Sicelo Shiceka, who passed away on Monday, 30 April 2012. As the UDM we offer our condolences to his family, his children, his friends, the ANC and its alliance partners.
We will remember that the hon Shiceka played a vital role in the struggle for liberation and we are grateful to him for the freedom we are now enjoying. We also commend him for his contribution in the Department of Co- operative Governance and Traditional Affairs while he was the Minister. Our prayers and sympathy go to the family and his children. We extend our condolences to the Kingdom of Phalo, the community of Qawukeni and of Pondoland. Thank you. [Applause.]]