Sihlalo obekekileyo, mandikhahlele kuBaphathiswa abakhoyo apha namaSekela abo, usihlalo wekomiti yezeziMali, ndikhahlele nakuzo zonke izihandiba ezilapha, ngelithi ngqanga neentsiba zayo. Egameni lombutho wesizwe, ugalel'ebhayini, i-ANC, endinike uxanduva lokuba ndiphefumle ndithethe kanye ngomba ojongene nendima enokudlalwa lubalo nolwazi lwamanani abantu nokuba olu lwazi lungasenzela ntoni e-Afrika.
Olu lwazi ke ngundoqo ofunekayo xa umntu eza kukhokela isizwe. Ikwalulo nolukunika amandla nendlela etyenenezileyo yokwazi okufunekayo elizweni. Ezi nkcukacha-manani zifumaneka apha eMzantsi Afrika kweli ziko leenkcukacha-manani, ziza kunceda ilizwekazi lase-Afrika kuphuhliso lwayo. Umbutho wesizwe ke lo ungugalel'ebhayini ... (Translation of isiXhosa paragraphs follows.)
[Dr Z LUYENGE: Hon Chairperson, I salute the Ministers and Deputy Ministers present here, the chairperson of the Finance committee and all dignitaries present here by saying, protocol is observed. The ANC, a national, nonsexist and nonracial organisation, has given me the responsibility to speak specifically on the role of population census and statistics in Africa.
This information is essential when one is to lead a nation. It also gives one the impetus to know what is required in a country. The statistics available from Statistics SA are is going to help the continent of Africa in its development. The national organisation, the nonracial and nonsexist