Hon Chairperson, hon Minister, hon Deputy Minister and hon members, my suggestion on this issue of rhino poaching is to gather intelligence firstly, so that we can take decisions from an informed position. State security needs to gather intelligence on rhino poaching in South Africa, and such intelligence would enable us to nip this problem in the bud.
There are signs of sabotage which is targeting our economy and ...
... ayikho into yokuba umntu angasuka eThailand umbone eze kudubula isilwanyana kwindawo ekhuselekileyo enganikwanga iinkcukacha zobuntlola ngabantu abahlala phaya. Ngoko ke, kuza kufuneka kubengathi sinyusa iikawusi kulo mcimbi.
Ndingqine kwinto yokudalwa kwemisebenzi liSebe laManzi nokusiNgqongileyo kuba ngowama-2011- siye sathi ke, malungu ahloniphekileyo, xa singathethi ngezi zinto zooGupta neeCentral African Republic, CAR, abanye bethu baye bazibandakanya nezinto zokukhusela okusingqongileyo - phambi kweCop 17, phaya koMkhulu eNyokeni, siye satyala, nabanye neSebe eli, imithi yemveli engama-34 000 ngosuku olunye sisenza ihlathi. Ndithetha nje loo projekthi yadala malunga nama-30 emisebenzi esisigxina. Ukanti eMpuma Koloni kukho iziza ezine nalapho ekutyalwe kuzo imithi yemveli, kwenziwa amahlathi, kwaze kwaqeshwa abantu abaqikelelwa kuma-92. Bendisarhabulisa apha. [Kwahlekwa.]
Isisombululo kule nto yolutsha kungcono ukuba sizame ukuqalisa into endingayibiza ngokuba yi Orator's competition to Grade 12 ukwenzela ukuba aba bantwana xa besiya kwii-Yunivesithi naxa sele besebenza babe beyincance ebeleni le nto yokusingqongileyo.
Ilizwe limdaka Sihlalo, ndiyathemba ukuba singanosuku okanye impelaveki sijolise kuwo onke amaphondo, iilali nezitalato; kuthiwe ngoMgqibelo nangeCawa siza kuphuma sonke sicoce ilizwe, kuba kaloku njengokuba sithenga izinto ezivela kumazwe angaphandle, ezi plastiki zenziwa kuloo mazwe zenziwa ngabantu abangakuxabisanga okusingqongileyo kwaseMzantsi Afrika. (Translation of isiXhosa paragraphs follow.) [... there is no person that can come all the way from Thailand to hunt and shoot an animal in a reserve without being given intelligence information by people who stay there. Therefore, we have to pull up our socks in this regard.
I second the motion in respect of job creation by the Department of Water and Environmental Affairs because in 2011 - we have said, hon members, moving away from talking about the Guptas and Central African Republic, CAR, that some of us involved themselves in protecting our environments - before Cop 17, there at the Great Place in Nyokeni, we planted, with others in this department, 34000 indigenous trees in one day, creating a forest. As I'm speaking now, that project created about 30 permanent jobs. Also, in the Eastern Cape, there are four sites where we also planted indigenous trees to make forests, and an estimation of about 92 people were employed. I was just raising your awareness here. [Laughter.]
The solution to the issue of the youth would be to try to introduce what I will call an "Orator's competition to Grade 12" to make sure that these children, when they to go the universities, although they will be working, will have mastered this issue of the environment.
The country is dirty, Chairperson. I hope that we could have a day or a weekend and deliberate on all provinces, villages and streets; that all of us, on Saturday and Sunday, will embark on cleaning the country, because as we are buying things that are imported from other countries, these plastics have been produced in those countries by people who do not place value on the environment of South Africa.]