USEKELA MPHATHISWA WEZONXIBELELWANO: Enkosi Sekela Somlomo, ndithi mandilazise okanye ndilikhumbuze ilungu lekomiti leDA eligqiba ukuthetha malunga nokungakwazi kwethu ukuqoshelisa umsebenzi wokukhutshwa kweDigital Terrestrial Television, DTT, kwangethuba. Simkhumbuza ukuba thina besithe silisebe sikulungele kangangoko. Ingxaki yeyokuba le nkqubo ayixhomekekanga kuthi silisebe, idibanisa nemizi yezosasazo engaphandle kolawulo lwethu. Sisasiwe kwiinkundla zamatyala okwangoku, masilinde isigwebo ukuba sithini na, ukuze sikwazi ukubona ukuba siya njani phambili. Kodwa ke, nanjengoko besithembisile eluntwini nasekomitini, siza kulenza ixesha lokuqoshelisa umsebenzi ngowama-2015, asibuyi ngamva.