Mhlalingaphambili, mkhuluwa, ngexesha esasizithathela umbuso ngenkani, mandulo phaya kooMatanzima nooSigcawu, into esayibonayo nesayibukelayo yeyokuba eminye imigaqo yezopolitiko yiyo ebangela ukuba abanye aBaphathiswa beKhabhinethi babesengxakini, njengalo ebelila apha izolo.
Ndicebisa ngolu hlobo ke ... (Translation of isiXhosa paragraph follows.)
[Mr B H HOLOMISA: Chairperson, my brother, back in the day when we were forcefully reclaiming the government from the former Presidents of Transkei, Mr K D Matanzima and Ms S Sigcawu, what we noticed and experienced was that some political guidelines were actually the reason why some of the Cabinet Ministers find themselves in trouble, like the one who was crying here yesterday.
My advice is as follows.]
We need to restore the powers of the accounting officers - that is the directors-general - and those of the political heads because ...
... zidlala indima yokongamela ukuze kupheliswe into yokuba inkampani isuke iye kwi-ofisi yoMphathiswa igaye inkxaso yoMphathiswa zize ezinye ezifake iziniki-maxabiso zinikwe amanqaku asezantsi, njengale ngxelo ndandiyithe thaca kuNxamalala kunye nani ngoDina Pule owanika umyalelo kwelaa sebe. Mayipheliswe into yokuba uMphathiswa ibe nguye oxelela abalawuli-jikelele nabalawuli abaziintloko naye wonke omnye umntu kwisebe ukuba mazinikwe bani na iziniki-maxabiso. Ngolo hlobo siya kuphuma kule ngxaki. Akukho mfuneko yokuba kwenziwe umthetho-sihlomelo. Makukhutshwe umyalelo oya kuBaphathiswa beKhabhinethi bonke wokuba ingabi ngabo abathatha izigqibo zokuba yeyiphi inkampani emayifumane isiniki-maxabiso. Ngolo hlobo, awusayi kuphinde ubone uMphathiswa osengxakini.
USEKELA MONGAMELI: Hayi, siyalibulela eli cebo silinikwa nguNjengele, enyanisweni. (Translation of isiXhosa paragraphs follows.)
[... they are responsible for the oversight, which will enable us to do away with the tendency of a company just approaching the Minister to support their tender bid and thereby getting first preference over others, as stated in the report that I tabled to the President and the members about hon Dina Pule who gave an instruction for that in her department. The conduct where a Minister is the one who tells the director-general and directors and others involved in the department as to who must be awarded a tender must come to an end. In so doing, we would not have this problem. There is no reason for an amendment Bill. A directive must be sent to all the Cabinet Ministers that they must not interfere with the process of choosing the company which is going to be awarded a tender. By so doing, there would be no Minister who will find himself/herself in trouble.]