Ndiyanibulisa nonke bahloniphekileyo kule Ndlu yoWiso- mthetho. Mna ndifuna ukuqonda ukuba kanye-kanye ngubani ophumeleleyo eMarikana? Ingaba ngabasebenzi okanye oongxowankulu? KwiNtetho kaMongameli engoBume beSizwe sabuza umbuzo singamalungu e-EFF wokuba kuphethe bani? Ingaba kuphethe abasemagunyeni kwezopolitiko okanye oongxowankulu? Sabuza loo mbuzo kuba iimfuno zabasebenzi azikafezeki. Babuyele emsebenzini ngenxa yendlala. Oku kuthetha ukuba indlala yomntu omnyama isetyenziswa ngurhulumente ukunyanzelisa, uyathanda akuthandi. (Translation of isiXhosa paragraph follows.)
[Ms N P SONTI (EFF): Greetings to you all, hon members in the National Assembly. I just want to find out who has really won in Marikana. Is it the workers or the big companies? During the debate on the state of the nation address we asked the question as EFF members as to who is in charge in this country. Is it the political authorities or big capital? We asked the question because workers' needs have not yet been met. Workers returned to work because of hunger. This means that the black man's hunger is used as a coercive tool.]
Hon Chairperson of the Portfolio Committee on Labour, Mrs Yengeni ...
... le ndlala yaba bantu yindlala yeenyanga ezintlanu. Ibingaqali phofu, ngoba sebetoyi-toya nje yile mali ingabonakaliyo nengazoneliyo iimfuno zabo. Umbuzo mnye ke, wena rhulumente, njengomkhuseli wabasebenzi uphi, uthini xa kunje? Hayi, nditsho ndithi baphumelele oongxowankulu eMarikana. Imali iphuma eMarikana iyokutshona kude lee eLondon babe bona abayisebenzayo bekekela ukuya emakhaya ngezisu ezithe nca emqolo, kube kusithiwa mabavuyele urhulumente omnyama. Babhubha abasebenzi befela intlupheko kodwa akukabikho tshintsho.Kusekho indlala, akukho zindlu, akukho manzi nazindlela. Enkosi. (Translation of isiXhosa paragraph follows.)
[... these people were faced with hunger for five months. Not for the first time, they toyi-toyied because their insufficient wages do not meet their needs. One question needs to be asked though, and that is: As the protector of the workers, where is government and what is it doing in the face of all of this? I state categorically that big capital has won in Marikana. Money goes from Marikana to far-away London while those who worked for it go home on empty stomachs - and it is said they must rejoice at the black government. Workers died fighting against poverty, yet there is no change. There is still hunger, and a lack of housing, water and roads. Thank you.]