Kodwa ke isiXhosa sona asitolikwa. Ndithi ke babefuna R12 500 kodwa bafa. Ukuba babethunyelwe ngubani uyazazi ke apha phakathi kwenu. Okwesithathu futhi, kulaa ndawo bahleli kuyo kusabole nanamhlanje oku. Yiminyaka emibini enesiqingatha ngoku kodwa kusafana. Izindlu zangasese ezi nithi urhulumente uzithumele phaya bayazithengisa abantwana benu abaya nibabeke phaya. Bathengisela abantu bangaphandle amaShangana. Imbangi yokuba ndikhale kakhulu ndithi utata lo makahlale phantsi, kukuba bafa abantu eMarikana, kodwa kwiNtetho enguBume beSizwe akukho nento enye akhe wayithetha ngeMarikana. Akukho nokuba ibenye.
Futhi kukho utata ekuthiwa nguRamaphosa, - ndiyaqonda ukuba bayiqhuba bobabini le nqanawe ngoba kaloku naye unayo i-imeyili - nokuba asifundanga siyazive izinto ezi - awayithumelayo phaya eLonmin batsho bafa abayaa bantwana. Andizizelanga ke apha, ndithunywe ngabaya basebenzi bashiyekayo, abayaa baye basala phaya entabeni xa babebulawa. Ndithunywe ngabo ke apha ukuba ndize kunixelela ukuba nikhohlakele. [Uwele-wele.]
Basakhala nanamhlanje abafazi abangaziyo ukuba iintsana zabo baza kuzondla ngantoni na. Nina niyadla, nigobha ibhotolo. [Uwele-wele.] Nikhohlakele kakhulu. Ndithi makahlale phantsi uZuma. Nikhohlakele! Futhi ulilo nesela. Andazi ke ngesiNgesi ukuba kuthiwani. Wayiba yona imali le kuba zange agqithe kuni nina bantu balapha eMzantsi Afrika xa eza kuyithatha izigidi ezingama-R246. Ulisela! (Translation of isiXhosa paragraphs follows.)
[Ms N P SONTI: However, isiXhosa is self-explanatory. I say they demanded R12 500 but they died. As to who amongst you sent the police, he or she knows who he or she is. Thirdly, where they lived things are still as bad as before. Two and a half years later, things are still the same. The toilets that you say the government sent there are being sold by your children there. They sell them to the Shangaan, foreigners. The reason I am calling for the man to step down is because people died in Marikana, yet in his State of the Nation address at no point did he make a reference to Marikana. Not even once!
Furthermore, there is a man known as Ramaphosa - I believe they are co- pilots of this ship because he too has an email - even if we are not educated, we are aware of these things - that he sent to Lonmin and then those people died. I did not choose to be here, I am representing those surviving workers, those who survived at the koppie when they were being killed. They sent me to come here and tell you that you are cruel. [Interjections.]
Even today women are still crying out there because they do not know how they are going to provide for their children. But you, are living it up. [Interjections.] You are very cruel. I say Zuma must retire. You are cruel! He is also a thief. I do not know how to put it in English. He did steal the money because he did not consult the people of South Africa before he took the R246 million. He is a thief!]