Chairperson and the House, at large, good afternoon. While I was listening to The Home Run show, anchored by veteran journalist, Ernest Pillay, on SAFM radio yesterday afternoon, a certain gentleman called in and said something simple, yet very profound.
This caller said that, in times of crisis in state institutions, we must allow those vested with executive authority, the President and the Cabinet, to take tough decisions. As citizens, we can then judge them on the correctness, or otherwise, of their decisions.
IsiXhosa:
Kutsho umntu ongumhlali. Nithini nina malungu ale Ndlu?
English:
He said he was happy that the Minister of Finance, in his augural Budget Speech, took responsibility for setting out policy measures to lead our country out of the difficult economic state of affairs.
IsiXhosa:
Kuyafuneka bantu baseMzantsi Afrika ukuba khe sime okomzuzwana sizikise ukucinga. Kwiinyanga ezintathu ezidlulileyo ndandime kweli qonga...
English:
... to be precise on the 29 November 2018...
IsiXhosa:
... kulo nyaka uphelileyo, ndisenza ingxelo yekomiti yethu yophando kwizinto ezingalunga kwa-Eskom. Sasikunye naba bantu ngethuba sisenza loo ngxelo; sivuma sonke kwaye sithetha ngazwinye, kodwa namhlanje bayasijikela. Ngumthetho wabo ke, bantu baseMzantsi Afrika, kuba balala
bethetha le kuse bethetha leya. Namhlanje bayavumelana nathi kodwa ngomso abasathethi loo nto. Bantu bakuthi, balumkeleni abantu abangaqinisekanga ngezinto abazithethayo. Abaqinisekanga ngale nto bayithethayo kodwa thina siyi-ANC siqinisekile ngento esifuna ukuyenza kwaye siqinisekile ukuba urhwaphilizo lona siza kululwa silusiphule neengcambo zalo apho lukhona. Urhwaphilizo siza kululwa nokuba lwenziwa ngubani na njengokuba sesiqalile. Sesiqalisile ukucoca kwiSebe lezamaShishini kaRhulumente, ngokuba siye ku- Eskom, South African Forestry Company Limited, Safcol nakuDenel. Onke la mashishini aphantsi kweSebe lezamaShishini kaRhulumente sesiqalisile ukuwakhucula, ngoku yintoni kanye kanye eniyifunayo?
English: