Xa ndisaleka, abanyanisekanga aba bantu benza ngathi bayabathanda abantu baseMzantsi Afrika kwaye babakhathalele besithi mabokhe uMzantsi Afrika omnye. Baza kuwakha njani uMzantsi Afrika omnye xa besithi abawufuni uMthetho woPhuhliso oluBanzi lwabantu abaNtsundu kwezoQoqosho. Uza kuya njani phaya phambili nilangana nibe ningazange nalingana ngenxa yemithetho ababekade beyisebenzisa yokungalingani?