Siyakubulela Mphathiswa ohloniphekileyo Thokozile Xasa ngokufunquka uye e- Switzerland usiya kuxhasa nokuvakalisa inkxaso karhulumente nesizwe. Le yindlela urhulumente abonakalisa ngayo inkathalo nenkxaso yakhe. Urhulumente okhokelwa yi-ANC uyaqhuba ukukhokelisa ukwakha isizwe nentlalontle ngezemidlalo. Urhulumente we-ANC ubhinqele phezulu ukulwa ucalucalulo ngokwesini, ngobuhlanga nentiyo kwisini umntu azikhethele sona nangokunganyamezelani. Siyiveza loo nto kuba ngamanye amaxesha uye ufumanise ukuba nalapha kuthi singoomama, asikwazi ukuxhasana.