Kubalulekile ukugxininisa ukuba inkqubo yokuthiya ngokutsha ayisayi kuba ngumdlalo wamanani okujonga ukuba bangaphi na abachasayo bebangaphi abaxhasayo. Kufuneka ibambelele kwiintsika zesizwe kubandakanya inguqu, ukwakhiwa kwesizwe, intsebenziswano yoluntu nokuphiliswa kwesizwe kanye ngeli xesha lemimoya yeentlaba-zahlukane.