Sima kule ndawo sisithi, siyikomiti, thina siyavuma siyi- ANC kwaye siyatsho siqinisekile ukuba abantu bakuthi ze bathi ngomhla we-8 kuCanzibe baqinisekise ukuba bayayivotela i-ANC. Kaloku kuphela kombutho obakhatheleleyo nozijongayo izinto ezingaba ziyabalibazisa ingakumbi kwixesha nasekubeni bafumane unyango kweli Sebe lezeMpilo. I- National Health Laboratory Services yenye yamaqumrhu angundoqo kwiSebe lezeMpilo. Ndiyabulela.