UMPHATHISWA WEZONXIBELELWANO: Hayi kunjalo nje, ndiyawusebenzela kakuhle umvuzo wam. Sihlalo weNdlu, njengoko benditshilo ukuba isicelo esifakiweyo sifuna i- R6,8 yezigidi zezigidi. Ndiye ndahambisa ndathi, ngenxa yokuba singekagqibi ukudibanisa yonke le migomo ekufuneka siyiphumezile ukuze imali iphume, siye safaka isicelo somnyinyiva kurhulumente kwiSebe lezeZimali esi-R3,2 yezigidi zezigidi sibongoza kuSassa ukuba asinike le mali. Ngale mali siza kuqhawula ezi ngxakana sinazo zokwamkelisa abasebenzi ngempela-nyanga yeyoKwindla le sikuyo. Ulonyulo lona lungenyanga kaCanzibe kwaye loo nto ithetha ukuba sivumelene ngemali noMphathiswa. Nditshilo ngaphambili ukuba igosa eliyintloko lolawulo kunye nabalawuli jikelele bethu baya sebenzisana ngoku ndithetha nawe ukuqinisekisa ukuba yonke inkqubo ekufuneka yenziwe iyenziwa, abasebenzi bafumane imivuzo yabo. Ndiyabulela Sihlalo weNdlu.