Masiyibulele impendulo yoMphathiswa kulo mbuzo ubaluleke kangakanana kwaye sibulele nenxaxheba ethathwe lisebe lokuseka iqumrhu ukunqanda abantu abangena ngendlela engafanelekanga elizweni lethu. Ndinqwenela ukuba uMphathiswa abhentsise kwizinto ezithe zaba yimpumelelo nezimonwabisayo ngeli qumrhu balisekileyo eliqinisekisa ukuba akungenwa apha eMzantsi Afrika ngaphandle kwemvume.
English: