Kufuneka ikhanye into yokuba abantu ababesilwela inkululeko abazange bakhulule i-ANC kuphela koko bakhulula uMzantsi Afrika uphela. [Kwaqhwatywa.] Bakhulula bade bakhulula nabamcinezeli. Asikwazi ukuyikhanyela ukuba inkqubo le yona inemigomo eyihambayo. Namhlanje sithetha ngokutshintshwa kwamagama ezikhululo zeenqwelo-moya kwaye eyona nto siyigxininisayo into yokuba kubekho uthetha-thethwano. Kufuneka abantu babeyinxalenye yezo ngxoxo. UMphathiswa wezobuGcisa neNkcubeko uPallo Jordan ngonyaka wama-2006 kwinkqubo yokuthiya ngokutsha isikhululo seenqwelo-moya ukuze ibe - O R Tambo International Airport wathi...