Sifuna ukwamkela isigwebo seNkundla yamaTyala yabaSebenzi ngomhla wesi-8 kuOktobha 2019 apho umbutho weSolidarity ubufuna ukuba umthetho wokulingana kweli lizwe lethu uchithwe kwaye ubonakale ungetho mthethweni. Sifuna ukuyamkela le nto singumbutho wesizwe sisithi, le mibutho ifana neeSolidarity iza kuqhubeka ikuxhasa ukuxhamla kwabamhlophe kweli lizwe lethu. Sifuna ukuthi singulo mbutho, aba bantu abanakuze bayeke ukulwela igcuntswana labantu abamhlophe kwilizwe lethu. Abasebenzi mabamanyane bayazi ukuba le mibutho isekwe ukuze ilwele igcuntswana labantu abammhlophe.
Siyacela kananjalo kubo bonke abasebenzi belizwe lethu ukuba bazimanye nombutho wesizwe ugalel'ebhayini kuba nguwo wodwa umbutho ozakusebenzela abantu bethu, hayi le ijongene nemibutho emincinci kweli lizwe lethu. Sithi kubantu bethu, mabamanyane baxhase urhulumente wabo. Isizathu sokuba nalo mbutho ulahlekelwe yinkokheli yawo kukuba uxhasa umdla wabucala(private interest).