USEKELA MPHATHISWA WAMAPOLISA: Sekela Somlomo, kwilungu elihloniphekileyo leCope, uMphathiswa uMthethwa uyasihlonipha isigwebo senkundla yamatyala kwaye lilungelo lakhe ukuba xa engaxolanga abuyele kwakulaa nkundla yamatyala azame ukuba akanakonga imali yabahlawuli berhafu kusini na, njengokuba nabo kwiCope bebhenela kwiinkundla zamatyala ukuba zibalamlele ukuba ngubani na uMongameli wabo. Enkosi. [Kwaqhwatywa.] (Translation of isiXhosa paragraph follows.)