Siligqugula labasetyhini ePalamente sothuke sakhwankqiseka sakuva isihelegu sokugetyengwa kuka Mam'uMakhananda, inkosikazi kaMfundisi uMakhananda waseGugulethu, ngokugwazwa ngebhozo ngunyana wakhe ekhayeni lakhe ngoLwesihlanu umhla wesi-5 kule nyanga, iyimini yesikhumbuzo somhla wokuzalwa kwakhe.
Le nkosikazi ibingumama okhutheleyo, inkokheli yokwenene kwezenkolo kwinkonzo yamaWesile nakwezasekuhlaleni. Ubethe gqolo ukukhuthaza amakhosikazi nabo bonke abasetyhini ukuba badlale indima ephambili ekukhathaleleni abantu nabantwana abahlelelekileyo. Ube luncedo olungathethekiyo kumakhaya abantwana abahlaselwe zizifo ezinganyangekiyo, abaziinkedama kunye nabakhubazekileyo, exhasa amakhaya abo ngamaziko ezempilo kunye nezipho ngezipho.
SingaMalungu ePalamente simkhumbula kakhulu uMam'uMakhananda ngendima awayidlalayo kunyaka ophelileyo xa wayeququzelela ukuba amakhosikazi eemvaba ngeemvaba zaseWesile eze kuthabatha inxaxheba ekubhiyozeleni uMhla wabaseTyhini, apha ePalamente, ngokumenywa kwawo ligqugula labasetyhini elikhokelwe lilungu elibekekileyo, uBeauty Dlulane.
Siya kuhlala simkhumbula ngemisebenzi yakhe emihle, kwaye siyathembisa ukuba siya kumenzela isikhumbuzo esisiso ngokuthi sithi gqolo nokulwa nobundlobongela obujoliswe koomama nasebantwaneni. Siyile Ndlu yoWiso- mthetho, sidlulisa umyaleza wovelwano ongazenzisiyo kusapho lwakwaMakhananda, izalamane kunye nabemi baseGuguletu, sisithi mabalale ngenxeba, akuhlanga lungehlanga. Mabathuthuzeleke. Enkosi. [Kwaqhwatywa.] (Translation of isiXhosa member's statement follows.)
[Mrs P TSHWETE (ANC): As the women's caucus in Parliament we were shocked when we heard about the horrible murder of Mrs Makhananda, Rev Makhananda's wife, in Gugulethu. She was stabbed by her son with a knife on Friday, the 5th of this month, on the day of her birthday celebration.
She was a diligent woman, a good religious leader of the Methodist Church and a community leader. She kept on encouraging all women to play a vital role in caring for disadvantaged adults and children. She also helped children with family members suffering from chronic or acute diseases, orphans and disabled children by assisting their households through health facilities and by giving them various gifts.
As Members of Parliament we will remember the vital role Mrs Makhananda played last year when she was organising the Mothers' Union of the Methodist Church to participate in the Women's Day celebrations at Parliament, as they were invited by the women's caucus led by the hon member Beauty Dlulane.
We will always remember her sterling work, and we promise to honour her memory by continuing the fight against violence targeted at women and children. As members of the National Assembly, we relay our condolences to the Makhananda family, relatives and Gugulethu citizens, as we are saying may they find solace and comfort in these trying times. Thank you. [Applause.]]