Mhlalingaphambili, ubonelelo ngeendawo zokufihla intloko nokwakha ikamva eliqaqambileyo labantu bakuthi nelizwe lethu, kuya kuhlala kuyinjongo ephambili yorhulumente oxhuzula imikhala nokhokelwa ngumbutho wesizwe i-ANC.
Kwiinyanga ezimbalwa eziqgithileyo abahlali base-Joe Slovo, kwaLanga, kweli leNtshona Koloni, bebengundaba-mlonyeni bezama ukuphikisana neenjongo zikarhulumente zokuphuhlisa indawo abahlala kuyo.
Le ngxubakaxaka yade yaphelela ezinkundleni zamatyala, apho urhulumente waphuma etshaya kuba iinjongo zakhe zazicace nakuthathatha. Into eya icaca mvanje yeyokuba kukho oomfunzeweni abazimisele ukulahlekisa nokugrogrisa abantu bakuthi.
Kwezi veki zimbalwa zigqithileyo, abahlali abalangazelela impilo nobomi obungcono bavuma ukufuduswa basiwe kwiindawo ezingcono, apho baya kulinda khona izindlu zabo. Thina singamalungu ombutho wesizwe i-ANC siya kuthi gqolo sisebenzisana nabantu bakuthi ekwakheni ubomi obungcono. Siyabulela. [Kwaqhwatywa.] (Translation of isiXhosa member's statement follows.)
[Ms Z A NDLAZI (ANC): Chairperson, the provision of houses and building a better life for our people and our country, will remain the main objective of the ANC-led government.
A few months ago residents of Joe Slovo at Langa in Cape Town were the talk of the town as they tried to stop the government's objective to develop their residential areas.
This matter ended up in the courts and the government won the case as its objectives were extremely clear. It is becoming obvious lately that there are rogue elements that are determined to mislead and terrorise our people.
A few weeks ago, residents who are yearning for a better life agreed to be relocated to temporary accommodation to wait for the completion of their houses. We as the ANC-led government will constantly work closely with our people in building a better life for all. Thank you. [Applause.]]