Somlomo oHloniphekileyo, mphathiswa oHloniphekileyo, ndicela ukubuza ukuba ingaba buthini ubuninzi bamakhadi anokushicilelwa lisebe lakho kwaye ingaba sikhona kusini na isicwangciso sonyaka okanye senyanga sokunabisa ukunikezelwa kwawo? Okwesibini, ingaba lo matshini uza kufakwa kuzo zonke ii-ofisi zeSebe lezeKhaya kumaphondo ohlukileyo kwaye uza kufakwa nini ukuze le nkqubo ikhawuleze? Enkosi.
UMPHATHISWA WEZEKHAYA: Bawo uNgonyama, ndicela ukuba uwuphinde umbuzo wakho kuba andiyivanga inxalenye yawo yokuqala. Kodwa ke, mandiqale ndiphendule le ndawo ndiyivileyo. Asizi kubafaka kuzo zonke ii-ofisi oomatshini, koko siza kufaka iseva kuba ziinkcukacha kuphela esizifunayo. Siza kusebenzisa i- Government Printing Works ukushicilela onke amakhadi. Ubuninzi bamakhadi anokushicilelwa - ndicinga ukuba yinxalenye yokuqala yombuzo wakho le - ngama-10 000 ngosuku xa kusetyenzwa ixesha lesiqhelo. Ngoko ke, kungashicilelwa amakhadi amaninzi kakhulu xa kunokusetyenzwa imini nobusuku. Sinethemba lokuba kungashicilelwa izigidi ezintathu zamakhadi ngonyaka. Yiyo loo nto sisithi siza kuthatha iinyanga ezintandathu okanye ezisixhenxe, kusetyenzwa imini nobusuku, ukuze sikwazi ukunikezela amakhadi kubo bonke abantu ngexeshana elifutshane. (Translation of isiXhosa paragraphs follows.)
[Mr L S NGONYAMA: Hon Speaker, hon Minister, I would like to find out about the maximum number of smart ID cards that can be produced by your department. Is there an annual or monthly plan in place for the roll-out of these cards? Secondly, are you going to install a machine in all the provincial offices of the Department of Home Affairs in order to speed up this process, and when will this happen?