Sekela Sihlalo, iSebe lezeMpilo lijongene nemiceli-mngeni emininzi. Omnye wayo ziinkonzo eziza ebantwini ezinganelisiyo, ukungabikho koogqirha abaneleyo nabongikazi, ukungafumaneki kwamayeza neepilisi kwindawo zonyango. Abantu bayahlala kula maziko empilol ekubeni bevuke ngeentseni. Bafika bahlale kuba belindele kufumana uncedo kude kutshone ilanga, bahambe bengadibananga noogqirha.
Enye into esikhathaza ngamandla yile yokuba kwezi nyanga zintandathu zidlulileyo, isebe eli liye lachitha nganeno kwimali ebeliyabelwe ngemali engama-R246 ezigidi. Loo nto ithetha ukuba abantu bakuthi