Speaker, I just want to respond to hon Kilian on the issue regarding the SABC group chief executive officer's, GCEO, resignation and the filling therefore of the vacant post.
Ndiyathemba ukuba uMphathiswa ebesimamele kakuhle kwikomiti yemicimbi yezoNxibelelwano xa besichaza ukuba laa nkqubo yeyebhodi asiyiyo eyesebe elikhokelwa nguMphathiswa. Njengoko besitshilo ukuba siza kudibana nebhodi, ngokwenene sidibene nayo. Sibuye sanazisa futhi nani kunye nelizwe ngokubanzi ukuba ibhodi ikwinkqubo yokuqinisekisa ukuba esi sithuba siza kupapashwa kumajelo eendaba ukuze sigcwaliswe ngokukhawuleza. Okwesibini iza kusithumelela amagama abantu esiza kukhetha kuwo umntu oza kuba libambela kwesaa sithuba.
UMthetho lo uthetha ngawo siwukhathalele kakhulu. Siyazi ukuba kufuneka siqinisekise ukuba sifumana uluvo lwasemthethweni lokuba ifanele ikhethe phi na, kwibhodi okanye hayi. Xa sithe sayifumana ingxelo kumzi wezosasazo siza kuthatha isigqibo size sinazise. Sicela nilinde ngomonde. Ndiyabulela. (Translation of the isiXhosa paragraphs follows.)
[I trust that the Minister was listening well to us in the Portfolio Committee on Communications when we explained that the programme is that of the board, not that of the department led by the Minister. We said we would meet with the board, and indeed we met. We also informed you and the country at large that the board is in the process of ensuring that this vacancy is advertised in the media so that it can be filled immediately. Secondly, it will send us a list of applicants from which to choose a person who will act in this position.
We have high respect for the Act you are referring to. We know that we need to receive legal advice as to where to choose from, whether from the board or not. When we finally receive the report from the broadcasting corporation we will take a decision and then inform you. All we ask for is your patience. I thank you.]