Sekela-sihlalo wale Ndlu, ndivumele ndibulise kuMphathiswa, uMama uDlamini, noSekela-Mphathiswa, abaPhathiswa bonke, amalungu onke ale Ndlu yoWiso-mthetho, nabo bathunyiweyo ngolu suku lwanamhlanje. Ndikwabulela ndikhahlele kuSihlalo engekho.
Ndinovuyo, imincili neqhayiya ngokuba kule Ndlu endandikhe ndaba lilungu layo. Ndandikhe ndeza apha ndingusihlalo wekomiti, ndeza ndinguMphathiswa weSebe lezeMpilo, ndaphinda ndeza ndinguMphathiswa weSebe lezeNdlela neMisebenzi yoLuntu. Namhlanje ndiza ndinguMphathiswa weSebe lezoPhuhliso loLuntu. Ndisuka kwelaa phondo loxolo, iphondo elihle kakhulu.
Xa ndiza kuthi thaca le ngxelo yam namhlanje, mandiwaqinisekise amalungu ukuba le ntetho aza kuyifumana phaya ezi-ofisini zawo. Phaya kwela phondo leMpuma Koloni siye saqinisekisa ukuba kulo nyaka-mali senza iinguqu endicinga ukuba bezifanele ukwenziwa ukuze uphuhliso loluntu lungabonwa njengenkqubo ejongene neli sebe kuphela. Uphuhliso lufanele ukuba lube yinkqubo efaka onke amasebe kuba kaloku eli Sebe loPhuhliso loLuntu libizwa ngokuba lisebe elingu-10111 phaya ekhayeni; singabokuqala ukufika, singabokugqibela ukuhamba. [Kwaqhwatywa.]
Ndivumele ndithi, njengoko sisenza olu manyano lophuhliso loluntu, asisebenzi sodwa sisebenza nawo onke amasebe. Ubungqina baloo nto kukuba sinayo i-integrated service model ejongene nokuba kutshintshwe isebe ... (Translation of isiXhosa paragraphs follows.)
[Ms P MAJODINA (Eastern Cape): Deputy Chairperson of this House, allow me to greet the hon Minister, Mrs Dlamini, and the hon Deputy Minister, all the hon Ministers, all hon members of this House and delegates today. I also thank and salute the Chairperson in absentia.
I am happy, excited and proud to be in this House of which I was a member. I once came here when I was the chairperson of the committee, and then again when I was the MEC for Health, and later as the MEC for transport and public works. Today I come as the MEC for social development. I am from that province of peace, a very beautiful province.
As I am going to table my report today, let me assure the hon members that they will get this report in their offices. In the province of the Eastern Cape we have ensured that during this financial year we will effect changes that I think were supposed to have been made, so that social development is not seen as a programme that is focusing on this department only. Development is supposed to be a programme that includes all the departments, because back home the Department of social development is called 10111; we are the first to arrive and the last to depart. [Applause.]
Let me say as we are doing this integrated social development, we are not working alone - we are working with all the departments. The evidence thereof is that we have the integrated service model which focuses on change in this department ...]
... towards engaging people fully in their own process of leaning towards growth.
Kaloku abantu bakowethu banazo iimpawu zolwazi lwemveli. Akunyanzelekanga ukuba bafundiswe yonke into. Sibaqala kule nto bayaziyo siye nabo kwizinto abangazaziyo kuba abafuni kukakazwa ingathi abakwazi ukuzicingela. Obu buchule bethu ke buncedisa ekubeni sizifumane ezo zakhono zabo. Okwesibini, siyaqinisekisa ukuba abantu bakuthi bayaxhaswa kwimizamo yonke abayenzayo, sisebenzela ukuba kuphuhle iphondo eli. Okwesithathu, siyaqinisekisa ukuba uhlahlo-lwabiwo-mali lukekelela kwiimpula zikalujaca ezingenanto; asinazintloni zokwenza loo nto, asifihlisi, singaceli mvume nakubani na kuba abantu bakuthi bakhe abaxhamla ixesha elide.
Kulo nyaka-mali nantsi imigomo esiza kuthi sicangcathe kuyo. Owokuqala yi- Development social welfare. Siza kuqinisekisa ukuba bonke abantu abasesichengeni bafumana ingqwalasela ezinzileyo kwaye nabantwana bakhathalelwe. Yiyo loo nto amakhaya angama-32 akhoyo phaya agcine abantwana abasuka kwiindawo ngeendawo siza kuqhubeka nokuwanika imali. Ewe ke kambe asinto iqhelekileyo kwaNtu into yokuba udibane nabantwana ekuthiwa abanamakhaya, kodwa ngenxa yokuphelelwa bubuntu udibana nabo bengenamakhaya. Sinoxanduva lokuba masiqinisekise ukuba banendawo abahleli kuzo. Siyibekele ecaleni imali ezizigidi ezingama-206, ukuqinisekisa into yokuba bathi nakwezo ndawo bagcinwe kuzo bakwazi ukufumana uthando, inkxaso kunye nokukhathalelwa.
Kuhle ukuba ndichaze ukhona Mphathiswa, Mama uDlamini, ukuba izolo elinye, ngeCawe nangoMvulo, thina phaya kwiphondo siye sabamba inkomfa yokuqala engazange yakhona. Besibize abantwana basesitalatweni ukuze sive kubo ukuba zeziphi iingcebiso esinokuzisebenzisa ukuze basuke esitalatweni. Kaloku uninzi lwethu singamalungu ahleli kule Ndlu, xa sibabona besiza sivala iifestile, sibe singayazi ukuba bafuna ukuthini na, singazazi neemeko ezibabeke esitalatweni.
Ndihlaba ikhwelo lokuba nivule iifestile ze nibamamele xa becela kuba basuswe ziimeko ezahlukeneyo emakhaya. Masibanikeni uthando ngoba nabo abathandi ukuhlala esitalatweni.
Sithe xa besiphaya samisela iqhinga eliyindibanisela lephondo, naleyo ikopi siza kuyithumela kumalungu eNdlu ukuze nibone ukuba abantwana ... (Translation of isiXhosa paragraphs follows.)
[Our people have indigenous knowledge. They do not need to be taught everything. We should start with the knowledge they have and proceed to things that they do not know, because they don't want to be spoon-fed as if they cannot think for themselves. Our strategy helps us to get their skills. Secondly, we ensure that our people are supported in all their efforts; we do that to develop our province. Thirdly, we ensure that the budget benefits especially the disadvantaged who have nothing; we are not ashamed to do that, we do not hide it, we are not asking for permission from anyone because our people have not benefited for a long time.
These are the challenges that we will be dealing with during this financial year. The first is the development of social welfare. We will make sure that we pay undivided attention to all the vulnerable people and that children receive the necessary care. That is why we will continue to provide financial support to the 32 children's homes that are looking after children who come from different areas. Yes, it is unusual in an African culture to find homeless children, but because of the lack of ubuntu you find that they are homeless. We have a responsibility to ensure that they have places to stay. We have put aside R206 million to make sure that even in those homes where they are kept they are loved, supported and looked after.
It is good to address this issue in your presence hon Minister, Mrs Dlamini. Two days ago, on Sunday and on Monday, we held the first conference on street kids in the province. We called street kids so that they could advise us on what we need to do in order to get them off the streets. Most of us, the members in this House, close our windows when we see them coming towards us, but we do not know what they want to say, and we do not know what circumstances have led them to be on the streets.
I appeal to you to open the window and to listen to them when they beg, because they left their homes as a result of their circumstances. Let's give them love, because they don't like to live on the streets.
During that conference we established a provincial integrated strategy; we will send that copy to the hon members of the House as well so that you can see with regard to children ...]
... who are living and working on the streets ...
... siza kuncedisana njani nabo ukuze basuke esitalatweni. Eyona migomo sijongene nayo phaya kukuqinisekisa ukuba umcimbi wabo ... [... how we are going to help them so that they leave the streets. The main challenge that we are facing is to make sure that their matter...]
... is multisectoral in nature, and therefore it needs all of us to ensure ...
... iinkonzo esizenzayo ziyamanyana zibasuse kwingozi yokuhlala esitalatweni. Phofu mandiyichaze into yokuba bayakufuna nokwaluka kuba badala, kwaye ke kufuneka bezenzile izinto zabo zobuntu. Abanye babo bebengenazo nezazisi. Izolwelinye sibenzele ukuze nabo bazive bengabantu boMzantsi Afrika. [Kwaqhwatywa.]
Xa ndingqinelana nale nto ibithethwa ngohloniphekileyo uRasmeni yokuba oonontlalontle banqongophele, thina silisebe sithathe isigqibo sokuba sibaqeqeshe oonontlalontle ngale mali siyabelwa ngamalungu ahloniphekileyo. Kulo nyaka kuphela besikhupha amakrwala amatsha kraca oonontlalontle abangama-307, esiye sabathatha bangena emsebenzini njengenxalenye yokuphawula inyanga yolutsha. Baqalile ke ngomhla wokuqala. [Kwaqhwatywa.]
Ngokubhekisele kumcimbi we-HIV ne-Aids othi ushiye iinkedama, thina siyaqinisekisa ukuba siyibeke bucala imali ukulungiselela ezo nkedama zifuna ukukhathalelwa nokuncediswa sithi, mali leyo abathi xa beyibiza abantu abathetha isiNgesi yi-Orphans and Vulnerable Children, OVC. Sinabo abantwana abaxhamlayo abangama-28 520 esiqinisekisa ukuba bafumana ukuhoywa njengoko kufanele. Kuye kwabonakala ukuba abantwana abaninzi abakwazi ukuya esikolweni saze saqalisa inkqubo yokuba sibandakanye isebe eli ekungeneni ezikolweni.
Kulo nyaka-mali sikuwo besizibekele ukuba siza kunika abantwana abangama- 4 800 impahla yesikolo. Kodwa ke, ngenxa yobuzaza bokungaphangeli kwabantu nentlupheko, sidlule kulama-4 800 sanika abantwana abangama-10 200 impahla yesikolo - ndimi apha ngalo mzuzu ndithetha inyani ndikuKrestu. [Kwaqhwatywa.] Asiyompahla yesikolo kuphela. Siyiqondile into yokuba abantwana abangamantombazana bafikisa ngokukhawuleza babe bengenazo izikhuseli ngoko ke le mpahla yesikolo ihamba namalaphu ococeko kunye nokutya. [Kwaqhwatywa.] Abagxeki bethu ke bathe sisebenzela iivoti. Kukho iivoti zingekho, siza kubanika abantwana impahla yesikolo. [Kwaqhwatywa.]
Njengoko eli sebe linoxanduva lokujongana nophuhliso lwabantu abakhubazekileyo, abantwana, ulutsha, oomama nabantu abadala, sifuna ukucela ukuba mabangasizelwa abantu abakhubazekileyo. Le nto iqala apha kuthi ngokuthi xa ezalwa umntwana kuthiwe ungumntwana kaqgirha. Loo nto yenza ukuba umntwana angabisakwazi ukuzenzela nto. Thina, sisebenza ne- Disabled People South Africa, siyaqinisekisa ukuba kukho imali ebekwe bucala yokubaphuhlisa. Abo bangakwazi kuphuhliseka ngenxa yokukhubazeka okungaphaya bade bangakwazi ukuzenzela izinto sibabeke kumakhaya aliqela. Loo makhaya achaziwe apha kwaye neenkcukacha-manani zikhona, amalungu aza kuzifumana.
Ngokumayela nokukhathalela abantu abadala, mandichaze ukuba sinawo amakhaya abantu abadala angama-54 ... (Translation of isiXhosa paragraphs follows.)
[... that the services that we render are integrated and that we move them away from the danger of living on the streets. In fact, let me point out that they want to go to initiation school because they are old enough and they have to do their rituals. Some of them don't have identity documents. During the conference we applied for their identity documents so that they can be proud South African citizens. [Applause.]
I support what has been said by hon Rasmeni about the shortage of social workers. As the department we have decided to spend the money that the hon members have allocated to us to train social workers. This year alone we have 307 brand new social workers who have just graduated, whom we have employed as part of celebrating youth month. They commenced duties on the 1st. [Applause.]
On the issue of HIV/Aids, which causes many children to become orphans, we have ensured that we set aside money to take care of those orphans who need care and help, and this financial support is called the orphans and vulnerable children's grant, or OVC by the English speakers. We have 28 520 children who are beneficiaries and we make sure that they are cared for properly. It has been noticed that most of these children are unable to attend school and we initiated the process of involving this department to help register them at various schools.
During this financial year we had planned to give uniforms to 4 800 children. We exceeded 4 800 and gave uniforms to 10 200 children who are affected by unemployment and poverty - I am standing here today at this moment speaking the truth in Jesus Christ. [Applause.] We did not deliver uniforms only. We realised that girls reach puberty earlier and that they have no control over it and have no means to manage their menstruation so these uniforms are accompanied by sanitary towels and food. [Applause.] Our critics say that we are campaigning for votes. Votes or no votes, we will give them uniforms. [Applause.]
As this department has the responsibility to improve the lives of people with disabilities, children, the youth, women and the aged, we urge everyone not to pity people with disabilities. This begins with us saying a child who is born with a disability is a doctor's child. This makes the child unable to do things on her or his own. We work with Disabled People South Africa, and we have ensured that there is money set aside to improve their lives. Those with severe disabilities who cannot do anything on their own have been placed in various homes for disabled people. The hon members will find the list and details of those homes with the statistics.
With regard to care for the aged, I must mention that we have 54 ...]
... old age homes that we are funding as the department. Ukanti siyaqinisekisa ukuba siza kuqhubeka ngokunika inkxaso-mali kwiinkonzo ezingama-235 zabantu abadala abafika kusasa bagoduke emalanga.
Undoqo wokuqala wesiseko sesizwe ngamakhaya azinzileyo. Siwabonile ke amakhaya eqhekekile. Xa eqhekeka amakhaya achaphazela abantwana naye wonke umntu obandakanyekayo. Yiloo nto ke sithe xa sibona obu bugxwayiba sikubo saqinisekisa ukuba siyawaxhasa amaziko okunceda amakhaya ali-15 kuzo zonke eza ngingqi zaphaya ekhaya, kuba kuthatha isizwe sonke ukukhulisa umntwana. Kuthatha isizwe ukwakha uqoqosho; kuthatha isizwe ukuphuhlisa uluntu. Yiloo nto sisithi makhe sizibhence tanci sikhangele ukuba seside sibe namakhaya aqhekekileyo nje, kuthethwe ngamakhaya akhokelwa ngabantwana nabazali abangabanye kwenzeke ntoni esizweni.
Asimanga nje kuloo nto, siye sahamba umgama ... (Translation of isiXhosa paragraphs follows.)
[We are certain that we will continue funding 235 old age services for those who come in the morning and leave in the evening.
The foundation of the country is stable families. We have seen families disintegrate. When families disintegrate it affects the children and everyone involved. That is why, when we realised the difficulties that we have, we made sure that we support 15 welfare centres in all the regions back home, because it takes a nation to raise a child. It takes a nation to develop the economy. It takes a nation to develop society. That is why we say let's first look at ourselves and find out what has happened to the nation that has led to families disintegrating. We talk about childheaded families and single-parent families.
We didn't stop there, we went to the extent ...]