Chairperson ... mandithathe eli thuba lokuba ndibulele ndiza kunikezela intetho yam yanamhlanje kumama uNolusapho ondizalayo, ohleli phaya phezulu. [Kwaqhwatywa.] [... let me take this opportunity and say thank you, as I will be delivering my speech today in the presence of my mother, Nolusapho, who is sitting in the gallery. [Applause.]]
Hon Chairperson, Chief Whip, hon members of the House and our guests in the gallery, I was hoping to speak in the presence of the hon George who, unfortunately, is not in the House today.
Uthe xa ebemi kule Ndlu wathi xa ebhekisa kuthi akazazi ukuba iinkosi zize kuthini apha, zigcwele kule Ndlu, kodwa umsebenzi ungaphandle. Sifuna ukuthi kuye, Mphathiswa, umsebenzi wakho owubonise ngeebhulorhu ngulo msebenzi owenziwa ziinkosi. Ukhona uNkosi uBambilizwe phaya phezulu, wakuLudondolo, ukhona uMama uNolusapho ondizalayo wakuMvezo, abaququzeleli bale bhulorho yakhiwe liSebe. IiNkosi ziyasebenza! [Kwaqhwatywa.]
Siyakhawuleza ukuyilibala imbali negalelo leenkosi kule nkululeko sinayo namhlanje.
Phofu andimangali kuba ugxa wam apha, uBawo uTrollip, uyakhawuleza ukuzingomba isifuba esithi uyisemkhulu walwa esilwela le nkululeko. Kodwa, mntwana omhle, mandikukhumbuze ukuba uzalwa ngoobani na. OoTrollip bafika apha bezisettlers bahlala phaya phezu komlambo iReed, eCawa, kwifama ekuthiwa yiStanderweg. Bekufuneka imvelaphi yenu ube uyiqala apho. Bekufuneka ube uxelela le Ndlu ukuba nawufumana njani umhlaba. [Uwelewele.] Akuyithethi imbali yokuba nabulala oobani, nasusa oobani ukuze nibe ninomhlaba namhlanje. [Uwelewele.] Uyabona, into obungayazi ukhokho kakhokho wakho ... (Translation of isiXhosa paragraphs follows.)
[When he stood in this august House referring to us, he said he did not know what the chiefs were doing in here in their numbers while their work is out there. We want to say to him, Minister, your work, which is evident through the building of the bridges, is the job that has been implemented by the chiefs. Chief Bambilizwe from Ludondolo is here in the gallery, as is my mother, Nolusapho from Mvezo. They are the ones who are the co- ordinators of the construction of the bridge which is sourced by the department. The chiefs are hard at work! [Applause.] We easily forget history and the contribution made by the chiefs in this freedom we are enjoying today.
But I am not surprised, because my colleague here next to me, Mr Trollip, is so quick to claim with pride that his grandfather also fought for this freedom. But, hon member, let me remind you who your parents are. Mr Trollip and others were settlers when they arrived here, and they were stationed next to the Riet River, in Port Alfred, on the farm called Standerweg. You were supposed to have started your history there. You were supposed to tell this august House where you got the land. [Interjections.] You are not saying anything about your history with regard to who you had to kill, who you had removed for you to have a piece of land today. [Interjections.] You see, what you do not know is that your great-great- grandfather ...]