Sihlalo ohloniphekileyo, namaLungu eNdlu ngokubanzi ndithetha egameni le-ANC ndisithi, isebe liyidandalazisile yonke inkcitho eliza kuyenza. Le nkcitho ihambisana nezinto ekuvunyelwene ngazo eMzantsi Afrika ukuba mazenziwe. Ziye zabekwa ngokohlobo lwezicwangciso ezibonakalisileyo ngokuphandle ukuba, ukuba kuhanjwe ngolu hlobo isebe libeke ngalo, inene kuya kubakho utshintsho kubantu belizwe lakokwethu.
Ndinqwenela ukuba ndithi olu hlahlo-lwabiwo-mali aluxhaswa nje kuphela koko luqhwatyelwa izandla kuba luzeke emzekweni kwizinto ekumele kwenziwe zona. Kubuhlungu ukuba kuthi xa kulungiswa undonakele owenzekileyo, baphinde nabo bebengabanzi bakandonakele babenenxaxheba ekutheni makwenziwe njani na.
Iyandidanisa into yokuba kubonakale ngokungathi imali eninzi inokuba mayilungise umonakalo kunokuba kuthiwe mabahlale behleli phaya ngako oko yenza boneliswe phaya. Imali enkulu yoMzantsi mayiye ekudaleni imisebenzi ukuze kude kuphele ubuhlwempu, ukutshixiza kwamazinyo kunye nentlalo-mbi. Eli sebe lelentlalo-ntle ngokupheleleyo nokuqinisekisa ukuba buyapheliswa ubuhlwempu. Ndiyabulela kakhulu, siyaluxhaso olu hlahlo-lwabiwo-mali. [Kwaphela ixesha.] [Kwaqhwatywa.] (Translation of isiXhosa paragraphs follows.) [Ms B N DLULANE: Hon Chairperson, hon members at large, on behalf of the ANC, I wish to state that the department has tabled all its expected expenditure. This expenditure is in line with agreed targets. If the department's targets were to be realised, the people of this country would really feel the change.
Not only do we support this budget, but we also applaud it because it is in line with agreed targets. It is unacceptable that, when trying to redress the wrongs of the past, even those who were responsible for these wrongs, also want to be part of finding a solution.
I find it disappointing that, instead of funds being used to redress the wrongs of the past, there are suggestions that they should be used to satisfy the needs of the people right where they are, at their localities. A large percentage of South Africa's funds should go to creating jobs so as to end the grinding poverty our people find themselves in. This department is responsible for welfare and for ensuring poverty eradication. Thank you very much. We support the budget. [Time expired.] [Applause.]]
Vote agreed to (Democratic Alliance and Economic Freedom Fighters dissenting).
Vote 20 - Sport and Recreation South Africa - put.
Declarations of vote: