Chairperson ...
... namhlanje ndivathe iqaqa ndiza kuthetha isiXhosa. Siyi-UDM siyayixhasa iVoti yoHlahlo-lwabiwo-mali olungunombolo 11 - Amashishini kaRhulumente. Sifuna ukuphinda sithethe into enye yokuba kufuneka uqwalaselwe ngakumbi umcimbi wamaqumrhu karhulumente ukuqinisekisa kuba umsebenzi wawo kukuchitha imali kuba uphuhliso lwezoqoqosho alwenzekanga ngendlela. Xa uwajongile afana neengalo zoqoqosho kuba kaloku urhulumente uxova ebhaka kwilizwe elisaphuhlayo.
Kwakhona, enye into ebalulekileyo kukuba nezivumelwano zomsebenzi zabasebenzi, ngakumbi abaphethetheyo, kufuneka ziqiniswe ukuqinisekisa ukuba nabo bayawenza umsebenzi wabo. Ingxaki esiza kuba nayo ukuba asiyenzi loo nto, yeyokuba thina simimitheke kukutya kwasePalamente zibe ezoqoqosho zibhitya. Umzekelo, mhlawumbi mna nohloniphekileyo uGardee simimitheka kuba kaloku siyatya apha ePalamente kodwa ezoqoqosho azibheki phambili koko ziyabhitya. (Translation of the isiXhosa paragraphs follows.)
[... today I'm furious and I will speak isiXhosa. As the UDM, we support the Budget Vote No 11 - Government Enterprises. We would also like to repeat what we have always said, namely that the question of parastatals needs to be taken into consideration to ensure that their mandate, which is economic development, is executed accordingly, instead of this wasteful expenditure. When you look at them, they are supposed to operate like economic organs of the state because the government is struggling alone in a country that is still developing.
Again, the other important issue is to have employment contracts for all employees, especially in management. These need to be strengthened to ensure that they do their job. The problem that we are going to be faced with if we do not do this, is that we will put on weight because we eat the food of Parliament while the economy is dwindling. Perhaps the hon Gardee and I, for example, we are gaining weight because of the food Parliament provides for us, but the economy is not improving. Instead it is getting weaker and weaker.]
Thank you very much.