Sihlalo weNdlu, eyona nto endifuna ukuyazi mna kuMphathiswa yeyokuba ingaba le ndlela yokunika abantu iziqinisekiso zobunini ilungile kusini na? Andiyiboni iyindlela esa phambili abantu boMzantsi Afrika kuba abantu bathatha ezi ziqinisekisi zobunini baye kuvula amatyala ebhankini. Uye ufumanise ukuba umntu usematyaleni akakwazi ukuphuma kuwo. Eyona ndlela enokuthi isise phambili apha eMzantsi Afrika kukunika abantu umhlaba ukuze bakwazi ukuzenzela izinto zabo. [Kwaqhwatywa.]
The MINISTER OF HUMAN SETTLEMENTS, WATER AND SANITATION: No,
there was no question. Hon member ...
IsiXhosa:
Lungu elihoniphekileyo, ndiyavumelana nawe, ukuze kulunge kuthi sonke kufuneka sinikezele ngomhlaba khona ukuze abantu bazakhele ngokwabo izindlu zabo. Nangona kuza kubanjalo, umntu kuza kunyanzeleka ukuba abenaso isiqinisekisi sobunini...
English:
... in order to have value to the house.
IsiXhosa:
Ngoko ke nokuba umntu uzakhele okanye wakhelwe indlu, yona indlu ifanele ukuba ibenesiqinisekisi sobunini.
English: The title deed reflects the value of that particular house. So if it is possible for you to go the bank and apply for a home loan to build my own house or to extend or send the kids to school, you can do that.
English:
Title deed means that you are the owner of that particular house. Whether...
IsiXhosa:
... uzakhele okanye wakhelwe ngurhulumente isiqinisekisi sobunini siyafuneka sona. Ukuba nina nifuna ukusincedisa ukuze abantu bazakhele izindlu zabo, ningayenza loo nto namkelekile, singavuya kakhulu.
English: