Mandigqibezele ngelithi wena wakhe wayifunda iBhayibhile kukho indawo phaya ethi uYesu ubona umzi waseJerusalem. Uthi akuwubona awulilele kuba umzi waseJerusalem wawumhle ngaphandle kodwa ngaphakathi yayibubugoxo bamathambo. Kunjalo kanye phaya eKhayelitsha kuba isakhiwo esasakhiwe yi-ANC sihle ngaphandle kodwa siyindawo yokufela abantu. Abantu bayafa phaya. Ndiyathemba ukuba urhulumente angakhe ayijonge le nto yenzekayo kuba kukho le mbongi uMaimane ehamba ibonga isithi kungcono eNtshona Koloni. Akukho kwanto engcono, akazinto loo Maimane lowo. Singaphuma siye kuzibonela ngoku. Kungenjalo makwenziwe ikomishoni eza kukhangela le meko ngomso oku!