Ndithanda ukubulisa kuni nonke malungu ahloniphekileyo. Tata uMongameli, ndicinga ukuba bonke abantu baseMzantsi Afrika banovuyo ngalo mzuzu xa bebona iPalamente inoxolo kwaye inocwangco. Le nto singayijonga phaya kwiJaji eyiNtloko ethe yathandaza, yamema uThixo ukuze sikwazi ukuqhuba ngale ndlela siqhube ngayo. Into esiyicelayo siyi-ATM yile, xa ukhokela ilizwe uze ukhumbule ukuba iJaji eyiNtloko imise uThixo phambi kwethu sisonke.
Kwezi ngxaki zikhoyo apha eMzantsi Afrika nelizwe liphela, akukho namnye umntu onako ukuzisombulula eyedwa. Ezi ngxaki zifuna ukuba sonke sihlangane singamaqela ezopolitiko. Sicela ukuba uThixo akukhokele ukuze usihlanganise siyile Palamente, ukuze sisebenzele abantu baseMzantsi Afrika. Abantu baseMzantsi
Afrika sebedlulile ekufuneni ithemba, bafuna ukusonjululwa kweengxaki ezikhoyo.
English:
We are tired of having hope, we want practical solutions to the problems that we have in the country. As the ATM, we want to commit ourselves to the Parliament that we will put South Africa first and if you also put South Africa first, you will be working with us. I thank you.