Sihlalo ohloniphekileyo, mandibulele kuMphathiswa malunga namacebo eniza kuwenza okukhawulelana nabantu ukuze bangalindi ixesha elide. Eyona nto endikhathazayo ngabantu abadala ingakumbi ezilalini ekufuneka bahlawule iiteksi ngemali yabo yendodla, ze baphinde bafike balinde ithuba elide. Apha eNtshona Koloni kukho inkqubo abayenzayo kwiindawo ezifana neklinikhi apho umntu esenza idinga phambi kokuba atyelele. Ingaba le nkqubo
yokwenza idinga ayingebi liyeza lokuzama ukhawulelana nabantu abadala? Enkosi.