Enkosi Sihlalo weNdlu. Mphathiswa ndiyabulela ngengcaciso ethe gca kulo mcimbi ubaluleke kangaka. Ndiyayivuyela into yokuba kulo mbuzo bendinawo ongumvukela uMphathiswa uyichaphazele into yokuba ikhona imiba abazakuyijonga ukuqinisekisa ukuba ukhona umthetho okhoyo.
Ingaba emva kwesi sehlo, sothuke sacinga ukuba leliphi icebo elinokwenziwa ukuqinisekisa ukuba into enje ayiphindi yenzeke kwakhona? Siyayiqonda kananjalo ukuba lo mcimbi awukho phantsi kwesebe likaMphathiswa, ngoko rhulumento. Asinazo neenjongo zokuphinda sibatshutshise ngakumbi abo bafumaneka benechaphaza ngokwasemthethweni. Enkosi.
Afrikaans: