Sihlalo weNdlu ohloniphekileyo mandibulele ithuba. Ndivuyisana kakhulu noMama uNkabinde ngokuba aphumelele kwinto ebeyenza neyunivesithi kwizifundo zophuhliso lwamashishini asakhasayo wade wabe uyakwazi ukuthengisa. Ndifuna ukucacisela le Ndlu ukuba ngumsebenzi weli sebe ukuxhasa ngemali iiyunivesithi eziphuhlisa abantu kulo mkhakha. Ezinye zezi yunivesithi zivelisa iziqholo zomzimba kwaye zizithengisa nakwamanye amazwe. Sinaso ke isivumelwano esisityikityayo silisebe nezi yunivesithi. Maze nenze njalo ukuza kunika ingxelo yenkqubela phambili nabanye abasuka kumanye amaphondo. Nenza umsebenzi oncomeka kakhulu kwaye siyayibulela loo mpumelelo. Enkosi kakhulu.