Imbali elusizi esiphuma kuyo kufuneka singayiphindi. Masikhuthaze wonke ummi woMzantsi Afrika ukuba sisondelelane. Amathole anyongande kudlelana. Niliqhayiya lesizwe, nilibhongo maBhoko-bhoko, ningamaqhawe. Nisibuyisile isidima sethu ehlabathini kwaye nazisa umanyano kwisizwe, kontsundu nomhlophe batsho babhiyoza kunye.