Sekela Sihlalo, le nto iyakhathaza kuba uMphathiswa wezeZimali, ohloniphekileyo uTito Mboweni xa ephendula umbuzo kamhlonitshwa uRyder kule Ndlu uthe, akakwazi ukutsho ukuba i-Inshorensi yezeMpilo yeSizwe izakuxabisa malini. Okwesibini uthe, kufuneka singalindi le Inshorensi yezeMpilo yeSizwe ukuze sinike abantu iinkonzo zempilo.